Summary of Inkawu Idliw’ilila pdf

Summary of inkawu idliw’ilila pdf

Amagqabantshintshi NgoMbhali

UMnumzana Siphatheleni Kula wazalwa ngonyaka we-1965, ezalelwa kwilali yaseMsintsane kwisithili sakuCentane eMpuma Koloni. Kuphela konyana abanaye abazali bakhe uMaGaba noNkabane ongasekhoyo, walekelwa ziintombi ezimbini. UNkabane lo, amabanga aphantsi wawafunda kwa-Anta Junior Secondary School phantsi kwesandla sento kaTshevu, ingxilimbela yakwaRhadebe kweziya lali zaseTholeni kwisithili saseGcuwa. Emva koko waya kuphuthaphutha aphakamileyo kwisinala saseNcedisizwe eChebe, phantsi kwesikhetshekhetshe sikaBhokoda ongabhokodiyo, iKwayi laseGodidi. Kukwesi sinala apho wahlangana khona noomagrazula beetitshala ezazifundisa isiXhosa.

Ukuphumelela kwakhe imatriki uye kuwa eRhawutini ngeliya kucel’ isonka emLungwini, ukuze nje abe nethamsanqa lokuqeshwa kumzi-mveliso weglasi. Emva kweminyaka embalwa esebenza apho, uye wenza izifundo zabucala kwiYunivesithi yoMzantsi Afrika, nalapho azuze khona imfundo enomsila kwicandelo leBA, nayihlabanisele ngesifundo sesiXhosa kunye nofundo nzulu ngesayensi yolwimi ekuthiwa yiLinguistic ngelasemzini. Kuthe ngeli xesha afunda eYunivesiti, wavela laa mshologu wokubhala wawumqale esinaleni. Uye wadibana nomakhwekhwetha uProfessor Ncedile Saule apho eUnisa. Indlela yakhe ekubhaleni yatsho yaqaqamba okwedyasi kagqirha kangangokuba iinoveli zakhe ezimbini, ethi Elowo Nalowo yaphumelela kukhuphiswano lakwaMNET ngonyaka wama-2007. Inkawu Idliw’ilila yona iphumelele kukhuphiswano lwakwaSALA (South African Literacy Awards) ngonyaka wama-2010.

Kwangendlela ukubhala okusegazini ngayo kulo mbhali, akanayo enye into ngaphandle kokubhala, nokufunda ezinye iincwadi zababhali. Phambi kokuba aphangele, uvukela ekubhaleni, kanti nokubuya kwakhe ikwaseso, ukuba eya kunqandwa kukufika kobuthongo ebusuku.

Intsingiselo Yesihloko Nokuqweqwe Lwale Noveli

Sisaci esi esisukela kubazingeli abaphuma ingqina beyokuzingela ngeenjongo zokuzuza iinyamakazi ukuze bafumane inyama. UKula ukhetha ukusebenzisa inkawu, isilwanyana esisondeleyo ebantwini ngezimbo, ukutyhila ubuthumbu bencwadi yakhe. Njengokuba bezingela nje abazingeli, kuvuka inkawu izinja ziyileqe. Icebo lenkawu ke kukukhwela emthini ukuzisindisa, izinja azikwazi kukhwela mthini zona zilinda phantsi zijonge phezulu kwixhoba lazo. Basuke bade bafike abazingeli bazokuba necebo bokuyothula emthini inkawu. Ithi ke inkawu le izililise ngeenjongo zokucela ukusindiswa noxolelo, ukuba ingumdlezana ilile ibambe ibele ukubonisa ukuba iyancancisa. Konke oku kwenziwa yinkawu ifuna ukusizelwa ngabantu ukuze ikhululwe, kodwa umntu injongo yakhe ngokuzingela kukufuna inyama, ugqitha kuzo zonke ezo nzame zenziwa yinkawu afezekise iinjongo zakhe engakhathalele nokuba iyancancisa na, nokulila oko kwayo.

See also  Yintoni inoveli? - Iindidi Zeenoveli ngesixhosa

Oku nje ngamafutshane kubonisa ukungabikho kosizi xa umntu eneenjongo zenzuzo akakhathalele omnye umntu koko ujonge isiqu sakhe. Ngesihloko nje esi, umbhali sele esikrobisa ukuba akuzukubakho lusizi kule ncwadi ngeenjongo zenzuzo. Inzuzo leyo enokuzanywa ngokususa imiqobo esendleleni. Ukuba umntu lo ujonge inzuzo, kufuneka ebulele ukuze azuze uza kubulala. Abanye abantu banokuphelelwa yimisebebenzi, banokubulala ngeenjongo zenzuzo bengaboni ukuba imizamo yabo ingaboyelisela emhadini. Isiphelo ke solwaphulo mthetho kukubanjwa.

Isihloko Sibhalwe Njani?

Isihloko sibhalwe ngamagama abomvu. Umbala obomvu umele ingozi, igazi. Ngombala nje wamagama esihloko umbhali usikrobisa kubungozi nempalalo gazi eza kubakho kwincwadi yakhe. Impalalo gazi ke ilulwaphulo mthetho. Ulwaphulo mthetho lutshaba lomthetho. Kwakophulwa umthetho, kufuneka umthetho ungenelele uthathe indawo.

Umfanekiso Ongaphandle Kuqweqwe Lwencwadi

Kuhlalutyo loncwadi siqwalasela ezi zinto zilandelayo kuqweqwe: isihloko, umbala wamagama asisihloko, umfanekiso ongaphandle. Kukho abantu ababini, indoda nentombi. Ingcinga efika kuqala xa ubona izini ezibini ezahlukeneyo kukuba bayathandana. Kuthando lwabo amehlo athetha enye into kuba indoda ijonge kwintombi kodwa yona intombi iqwalasele ecaleni kwaye ibonakala icinga nzulu.

Lo mfanekiso usityhilela ukuba nokuba esi sibini singabe siyathandana kodwa ikho ingxaki etyhutyha ingqondo yentombi. Isinxibo sesi sibini sikwatyhila isimo sentlalo.

Isinxibo Somlinganiswa

Isinxibo somlinganiswa sithetha lukhulu ngomlinganiswa nendima eza kudlalwa ngumlinganiswa. Isinxibo siveza isimo sentlalo ukanti sikwamtyhila ubunjani bakhe umlinganiswa.

Udidi Lwenoveli

Kubalulekile ukulwazi udidi lwenoveli oyifundayo. Ukwazi udidi lwenoveli kukwazi iimpawu. Le noveli yinoveli engolwaphulo mthetho.

Isiqalo Sencwadi

Umbhali ubonakalise ubuchule kwisiqalo sencwadi yakhe ngokuthi ayiqale ngokufa kukaMsindisi ukutsala umdla wabafundi. Le ndlela yesiqalo imbambela kufutshane umfundi nencwadi kuba efuna ukwazi ukuba ufela ntoni uMsindisi? UThantaswa utsalela umnxeba uMfuneko esithi abafana bawenze ngempumelelo umsebenzi ebebebathume wona, makasebenze ke uMfuneko njengepolisa. Oku kunika umdla kakhulu kubafundi bangene encwadini benemibuzo abarhalela ukuba ikhawuleze incwadi iyiphendule. Olo lwazi lukufumaneka ngokufunda umfimfithe incwadi.

See also  Imibongo Yesixhosa Grade 7

Isishwankathelo Sebali

INoveli esihloko sithi, “Inkawu Idliw’ ilila”, libali elimalunga nokunyolukela imali ngendlela egqithisileyo komlinganiswa ophambili onguThantaswa. Le ntombi yenza naliphi na ilinge lokuba ifikelele emalini engayibilelanga. Ubuhle bukaThantaswa buphithanisa intloko kaMsindisi besaqala nje ukudibana, ukanti ubutyebi bukaMsindisi bubo obenza uThantaswa azibone engena emtshatweni nomntu angamthandiyo. Utshelwa zizicheku ngenxa yokungafumani bantwana ekubonakala ukuba ebeya kubenza isixhobo sokufikelela kwimali yendoda esisityebi enguMsindisi. Umtshato wakhe uwuseka phezu kobuxoki bokufihla umntwana wakhe amfumanele ekhaya, emfumana kuMfuneko. Uthi asebenzisane nemenemene lendoda enguMfuneko onguyise womntwana wakhe, baze bohlukana ngenxa yokuthanda amantombazana nokungabi nanyani.

UMfuneko usisebenzisa kakubi isikhundla sakhe sokuba ngumcuphi, esebenzisa amabhinqa uNompumelelo noThantaswa ngokubakhuthaza ekubulaleni amadoda abo kuba befuna ukuzuza imali. Imali kaMsindisi ibe lisango lenkohlakalo entliziyweni kaThantaswa. Kugetyengwa abantu uChizama noMsindisi ze uMfezeko Mapheza afakelwe uvutha nguSphongo ixhwele. UMfuneko ulixoki elifanayo noThantaswa kuba emva kwazo zonke izinto abaziqulunqileyo, ufuna indyebo ibe ngakuye. Ilifa ebecinga ukuba UThantaswa uza kulifumana akuba ebulele uMsindisi oyindoda yakhe libonakala lizinkwenkwezi kuye, nto leyo eyenze ukuba azisube umphefumlo akuba ezame ukusuba imiphefumlo yabaninzi.

Ibali liphela uThantaswa edubula uMfuneka, akugqiba azidubule babe bobabini bayabhubha.



Looking for something specific?


Leave a comment