Indlala Inamanyala Novel Summary and Guide

Indlala Inamanyala Drama Novel Summary and Guide:

Amagqabantshintshi Ngombhali

UMzwanele Lamati waqala ukubhala ngowe-1984 njengentatheli kwiphephandaba iCity Press. Emva koko wabhalela amaphephandaba aliqela angala- Intsimbi, Umthunywa (wakha wangumhleli kuwo omabini), Imvo, New Nation, True Love, Pace, Weekly Mail, Jive Magazine neDaily Dispatch kwakunye namaziko osasazo i-Radio Transkei ne-Capital Radio. KwiRadio Transkei wakha wabhala imidlalo yosasazo emide eyile- Isikhuni sibuye nomkhwezeli.

Ingcaciso Yesihloko Noqweqwe Lwale Drama

Umbhali usebenzise isaci esithi “Indlal’ Inamanyala” esityhila ukuba umntu angenza nantoni na ngenxa yokuswela. Iqweqwe lencwadi liluhlaza okubonisa ukuba emva kwendlala kukho amarhiwu aluhlaza. uMajengxeba, Phezu kwam ndifikile, Namhlanje sigagene. Emifutshane yaba yile: Ndashiya ndazenza, Ndifuna indlalifa, Lo Yesu uzalelwe thina sonke, neminye.

Isihloko Sibhalwe Njani?

Isihloko sibhalwe ngamagama amhlophe. Umbala omhlophe obonisa uxolo nobunyulu. Oku kubonakalisa ukuba nakubeni bekukho imiceli mngeni ngenxa yendlala ekugqibeleni kubekho isisombululo esikhokelele ekubeni kube luxolo abenzi bobubi bafumana izohlwayo, abafuna imisebenzi bayifumana ngendlela efanelekileyo.

Umfanekiso Ongaphandle Kuqweqwe Lwencwadi

Kuhlalutyo loncwadi siqwalasela ezi zinto zilandelayo kuqweqwe: isihloko, umbala wamagama asisihloko, umfanekiso ongaphandle. Iqweqwe libonisa ukuba kukho intolongo. Kukho isango elenziwe ngeentsimbi elikhokelela eziseleni. Oku kungumfuziselo wokuba kukho umlinganiswa/ abalinganiswa abaya kuphelela entolongweni.

Udidi Lwedrama

Kubalulekile ukulwazi udidi lweDrama oyifundayo. Ukwazi udidi lweDrama kukwazi iimpawu. Le Drama yiDrama eyintlekele. UMaGatyeni noMamQhinebe baxhwila abantwana ngokubathengisela uMagrazula ababulale enze amayeza, babanjwe. Ekugqibeleni uSiqhiwu ongunyana kaMamQhinebe udiza amahlebo obuqhetseba obenziwa kwiiofisi zikaRhulumente. Bonke abenzi bobubi bayabanjwa.

Isiqalo Sencwadi

Umbhali ubonakalise ubuchule kwisiqalo sencwadi yakhe ngokuthi ayiqale ngoMagrazula ixhwele elinobungozi encokola noDlezinye isicaka sakhe. Bathetha ngokuba ishishini leentloko zabantu alisahambi kakuhle kuba bayabanjwa abantu abeza neentloko kuye, ngoko ke makutshintshwe kufunwe iintsana. Bagqiba kwelokuba makusetyenziswe abafazi kuba ingabantu ekungazokuba lula ukuba bakrokreleke xa bebeleke iintsana. Oku kunika umdla kakhulu kubafundi bangene encwadini benemibuzo abarhalela ukuba ikhawuleze incwadi iyiphendule. Olo lwazi lwakufumaneka ngokufunda umfimfithe incwadi.

Isishwankathelo Sebali

Kule ncwadi sidibana noMagrazula ixhwele lakwaBhaca, lixelela isicaka salo uDlezinye ukuba ushishino ngeentloko aluhambi kakuhle. Kugqitywe entlanganisweni ukuba kushishinwe ngeentsana kuba ziza kufumaneka lula ngaphezu kweentloko. UMagrazula ucebisa ukuba olu ushishino luya kulunga xa luthe lwenziwa ngabafazi. UMaGatyeni noMamQhinebe bahlupheke kakhulu, bangamahlwempu kangangokuba abantwana babo babafundise ngemali yokuthwalela abantu imithwalo erenkini. Abantwana babo basokola umsebenzi nangona begqibile ukufunda. Bazamile ukufuna imisebenzi kodwa abayifumananga. Kuthe kusenjalo, bafumanisa ukuba omnye ogqibe emva kwabo ufumene umsebenzi. Ekufikeni kwabo umqeshi kaRhulumente ufune ukuba unyana kaMamQhinebe uSiqhiwu amnyobe ize yona intombi kaMaGatyeni ivume ukutshatwa ukuba ngaba ifuna umsebenzi.

Olu lwazi lwenze ukuba baye emthethweni baye kubamba umqeshi lowo kaRhulumente. Ngethamsanqa ufunyaniswe enetyala umqeshi waze ngolo hlobo wabanjwa. Isicaka sikaMagrazula sisebenzisa ubuhlwempu bukaMamQhinebe ukuze avume ukusebenzela uMagrazula ekubeni iintsana. Oku kwenza ukuba lo mfazi afune umncedisi kulo msebenzi. Naye usebenzise ubuhlwempu bukaMaGatyeni ngokuthi amgrogrise abuyise izinto zakhe. Kaloku uMaGatyeni lo ubephila ngokunkinkqa apha kuMamQhinebe. Uthe kuba engakwazi ukubuyisa izinto zikaMamQhinebe wazeka mzekweni mnye, wavuma ukusebenza lo msebenzi umdaka.

Baphumelele ekubeni usana lokuqala. Oku kubiwa kwenze ingxabano enkulu kwaMakwedini owayeqala ukufumana umntwana emva kweminyaka engamashumi amabini etshatile. Badibana noNtamo obabuze ngosana abalubelekileyo. Usana aluzange lufike apho belulindelwe khona. Oku kubangele ukuba kuyekwe ukubiwa kweentsana. Babanjwe xa besabeleke usana lwesibini oluya kwaMagrazula.


ISAKHIWO NESAKHIWANA SEDRAMA

Isakhiwo seDrama lucwangciso lweziganeko ezibalulekileyo ezenzeka ebalini zijolise koonobangela neziphumo. Ezi ziganeko kufuneka zivuselele umdla womfundi okanye womphulaphuli, zithungelane ngendlela ephuhlisa ubungcibi okanye ubuchule bombhali. Kufuneka kubekho abantu okanye abalinganiswa abaxambulisana (impixano) ngombandela othi udale ukungevisisani. Le mpixano ingaba yeyangaphakathi apho umntu aphehluzeliswa ingqondo nomphefumlo ziingcinga zakhe okanye ibeyeyangaphandle apho umntu alwa neemeko ezithile zobomi, ingaba phakathi komntu, umntu namasiko okanye izithethe angahambisaniyo nazo. Izinto ezenziwa ngabalinganiswa, indlela abacinga nabavakalelwa ngayo okanye abathetha ngayo zinefuthe elikhulu kwisakhiwo sebali. Yiyo le nto uAbrahams (1981) esithi ngamanye amaxesha abalinganiswa banefuthe kwisakhiwo ingabalawula abalinganiswa ebalini.

Intlekele okanye Impoxo

Imvelaphi nesimo sentlalo

Isakhiwo sedrama

Ukuzotywa kwabalinganiswa

Indima yomlinganiswa

Umongo memfundiso

Imo nethowuni

Impixano isigqebelo

Izalathisi seqonga

Intshukumo, ingxoxo

Ukulandelelana kweziganeko

Ukufunda Nokuhlalutya iDrama

Ingabula-zigcawu

  • Ingabula-zigcawu sisiqalo sebali.
  • Sithiwa ntlo ngantlanye kubalinganiswa abaphambili.
  • Benza izinto ezithile.
  • Kwanekwa umcimbi ekuza kuba ngawo.
  • Imbewu yempixano ihlwayelwa apha.
  • Kuvela isimo sentlalo, liqhubeka phi, nini ibali.
  • Ulwazi olusisiseko kungenjalo imvelaphi malunga neziganeko ezenzeke phambi kokuqala kwebali, imbalana ngabalinganiswa.
  • Oku kunokwenziwa ngengxoxo, usingiselo, iingcinga zabalinganiswa, kungenjalo kubaliswe ibalana eliqulethe olu lwazi.

Ukuyondelelana / Ukujiya Kwebali

  • Ulibona njani? Liqala ngesehlo esothusayo okanye esiza nengxaki.
  • Le ngxaki iqala apho kuphela khona ingabula-zigcawu.
  • Esi sehlo esihlaba ifolo kuluhlu/sisiseko soluhlu lweziganeko ezikhokelela kuvuthondaba.
  • Isengangabi sisiganeko koko ibelulwazi oludala unxunguphalo.
  • Eli nqanaba likholisa ukuba lelona lide ebalini.
  • Izithole zempixano zintshula kweli nqanaba.
  • Kulapho undoqo webali ulele khona uquka iziganeko ezibangela ukukhula kwempixano.
  • Kubakho ixhala, izothuso nokuqikelelwa kokuza kwenzeka ebalini.
  • Iyalwatyuza impixano yenza umsebenzi wayo, iyadlwayiza, abalinganiswa bakwiingxaki eziphotheneyo ngakumbi abaphambili, umlinganiswa uthi esongula olu ucwambu kube kuvela olunye.
  • Abalinganiswa baziintlaba zahlukane/kukho ukuhlelana kwabalinganiswa elowo uziveza elona cala angakulo ebalini.
  • Ziyakhula iziganeko nomoya wempixano uya ukhula ngokukhula- ubheka phambili, elowo umntu ubambe umzimba ukuba kuza kwenzeka ni, izimo zabalinganiswa ziyadula/ziyavela.
  • Kudula izimo zabalinganiswa kuvele ukuxanbulisana.
  • Iziganeko zibonisa icala eliza kukekelella ngakulo ibali.

Uvuthondaba

  • Luyincochoyi apho athi umlinganiswa ophumeleleyo okanye owoyisiweyo avele abonwe ngumntu wonke.
  • Kweli nqanaba izinto zifike kwincochoyi.
  • Kubi kumacala omabini akukho kubuya mva, zizaqhwithi zodwa, elowo umlinganiswa uzijule ijacu, umonde wokunyamezela uphelile, elowo umlinganiswa ophambili uthi mayisuke yehle ehlayo.
  • Abaphixanayo abasenako ukuba bangaphixana ngaphezu koku.
  • Apha umlinganiswa ophambili uhlangana nemeko emenza anyanzeleke ukuba enze inguqu.

Ukusonjululwa Kwezinto

  • Kweli nqanaba sifumana ukusonjululwa kwempixano.
  • Amaqhina ayasonjululwa.
  • Impixano ijonge esiphelweni.
  • Kuziwa nesisombululo nokuba isisombululo eso sineziphumo ezikrakra komnye wabalinganiswa abaphambili.
  • Ukusonjululwa kwezinto-izishiqi ziyakhululwa-ziyawululeka izinto, wonke umntu uvelile, kungqutywana ngeentloko kuthwa makuthweni.
  • Injikaphethu: Yilaa ndawo izenzo ziguqukela ngakumlinganiswa oyintloko/ophambili/okanye zimlahle umlinganiswa oyintloko.

Isiphelo

  • Apha kweli nqanaba sityhilelwa ngesiphumo sempixano esisenokuvela ngokuthi:
    • Acace poqo owoyisakeleyo.
    • Impixano iyacaca ukuba ikweliphi icala.
    • Kulungiswe obekungquzulwana ngako.
    • Umlinganiswa oyintloko azibone into ayiyo.
    • Ingayintlekele/isiyolisi.
    • Injongo yokubhalwa kwayo idrama iphuhle mpela.

Isakhiwo siphuhle kakuhle kule drama ukuqalela kwingabula-zigcawu ukuya kwisombululo nesiphelo.


Isakhiwana Sebali

  • Libalana eliqhubeka ecaleni kweli bali likhulu kodwa injongo yalo ikukulikhulisa.
  • Sifana nebali elifutshane, sifumaneka phakathi kwisakhiwo kodwa siba nentshayelelo, isiqu nesiphelo.
  • Yindlela esetyenziswa ngumbhali ukolula ibali lakhe ukuze lingafiki msinya kuvuthondaba, udla ngokusebenzisa umlinganiswa okufutshane nomlinganiswa oyintloko.
  • Ibali liyakwazi ukuqhubeka naxa singekho isakhiwana.

Kule ncwadi yethu Indlal’Inamanyala kukho isakhiwana sebali apho sifumana uSiqhiwu noSiphokazi befuna umsebenzi, kodwa kubekho uThembinkosi Mazaleni ongummelwane kaSiqhiwu othe wafumana umsebenzi phambi kwabo. OoSiqhiwu bagqibe ekubeni bandwendwele iofisi kaMaqhikizane apho uMaqhikizane afune ukuba bamnyobe kodwa uSiqhiwu wagqiba kwelokuba aye emapoliseni eyokuxela esi sihelegu senzeka kwiiofisi zikarhulumente. UMaqhikizane uyabanjwa. USiqhiwu noSiphokazi bafumana umsebenzi ngokusesikweni, yagwetywa indlala.

Iziqulatho zesakhiwo nesakhiwana (unxantathu kaFreytag)


Kwingabula-zigcawu

  • Kuvezwa ngantlanye umcimbi eliza kuchankcatha kuwo ibali.
  • Sithiwa ntlo kubalinganiswa abaphambili.
  • Indima yabo ithiwa thsuphe kwasekuqaleni.
  • Isimo sentlalo sithiwa ntlo.
  • Indawo nexesha ziyavezwa.

Kweli nqanaba sivezelwa ngantlanye indawo eliqhubeka kuyo ibali kunye nexesha eliqhubeka ngalo ibali. Abalinganiswa ababalulekileyo, indima abaza kuyidlala kunye nefuthe labo ebalini livezwa kwalapha. Kwezinye iincwadi kubakhona nendawana enendudulela phambili neyiyo ebangumzuzu ka‘Huntshu’. Imbewu yempixano iyahlwayelwa kwalapha kweli nqanaba.

  • Kule drama umbhali usivezela abalinganiswa abaphambili kwindima yoku-1 kumboniso 1 ukuya kowe si-3 (p2-18) Apha sivezelwa uMagrazula ethetha noDlezinye.
  • Asanelanga ukufumana abalinganiswa bodwa koko siphinda sifumane ingxaki yempixano emandla, sivezelwa ukuba yingxaki kwamapolisa kushishino lukaMagrazula lweentloko zabantu.
  • Imbewu yempixano iyahlwayelwa: Eli shishini lakhe lilo eliyintsusa nonobangela wokuqhubekeka kwalo mdlalo. Oku umbhali ukwenza ngokuthi asebenzise intlupheko kaMamQhinebe njengesisombululo kwingxaki kaMagrazula kanti kukuqala kwenkathazo.
  • Kwalapha kule ndima umbhali usixelela ukungaboni ngasonye phakathi koSiqhiwu noMamQhinebe unina malunga nomcimbi wokunyobela umsebenzi.
See also  Uhlalutyo lweDrama

Ukuyondelelana kwezinto/ Ukujiya kwezinto

  • Eli nqanaba liqala ngesehlo esothusayo okanye esiza nengxaki.
  • Iyalwatyuza impixano yenza umsebenzi wayo, iyadlwayiza, abalinganiswa bakwiingxaki eziphotheneyo ngakumbi abaphambili, umlinganiswa uthi esongula olu ucwambu kube kuvela olunye.
  • Abalinganiswa baziintlaba zahlukane/kukho ukuhlelana kwabalinganiswa elowo uziveza elona cala angakulo ebalini.
  • Ziyakhula iziganeko nomoya wempixano uya ukhula ngokukhula- ubheka phambili, elowo umntu ubambe umzimba ukuba kuza kwenzeka ni, izimo zabalinganiswa ziyadula/ziyavela.

La mpixano nazo zonke eza zehlo sizibhenqelwe kwela nqanaba lokuqala ziyajiya, ziyabondeka zikhula. Ukuxambulisana, ukuphikisana, impixano nokungevani ngemiba okanye iimbono ezithile kukhula ngamandla kwaye kuyanda. Kubakho iintlaba zahlukane, abanye baba kwelinye icala abanye baxhase elinye. Izehlo zilandelelana ngokukhawuleza.

  • UDlezinye uya kwaMalunyawana ukuba amtrshintrshe ubuso bakhe abenze bube bobexhego.
  • USiphokazi noSiqhiwu baya kuMaqhikizane emva kokufumanisa ukuba uThembinkosi ogqibe emva kwabo esikolweni sele ephangela nangona bona babefake isicelo somsebenzi phambi kwakhe.
  • UMaqhikizane ufuna ukunyotywa.
  • USiqhiwu uyokumangala emapoliseni. Ufuna uKheneli Sibane ze afike kukho ipolisa elinguSithonga baxambulisane ngelithi makaxele kuye akuzele kuKheneli Sibane kuba akanakubonwa nguye kuba uKheneli ngumntu omkhulu.
  • UDlezinye uya kwaMamQhinebe, ezenza ixhego lomfundisi. Injongo kukuba avume ukweba iintsana ukuze azise kuMagrazula.
  • UMamQhinebe urhwebesha uMaGatyeni ukuba bawenze kunye lo msebenzi.
  • Kufika uMamQhinebe noMaGatyeni kwaNoziphongo bafike kukho uPixie, benxibe isinxibo samanesi. Bathatha usana kuba besithi bathunywe ngugqirha ukuba bazokulithatha.

Uvuthondaba

  • Kweli nqanaba izinto zifike kwincochoyi:
    • Kubi kumacala omabini akukho kubuya mva, zizaqhwithi zodwa, elowo umlinganiswa uzijule ijacu, umonde wokunyamezela uphelile, elowo umlinganiswa ophambili uthi mayisuke yehle ehlayo.
    • Abaphixanayo abasenako ukuba bangaphixana ngaphezu koku.
    • Apha umlinganiswa ophambili uhlangana nemeko emenza anyanzeleke enze inguqu.
    • Kubi kumacala omabini akukho kubuya mva, zizaqhwithi zodwa, elowo umlinganiswa uzijule ijacu, umonde wokunyamezela uphelile, elowo umlinganiswa ophambili uthi mayisuke yehle ehlayo.
      • Umthetho omele nguNtamo umantsantsa uvumbulula nengcambu umkhwa wokubiwa kwabantwana.
      • UMamQhinebe uqatshelwa nguNtamo ebeleke usana olukhalayo ekuthe kanti lolwakwaLink, behamba kunye noMaGatyeni.

Isisombululo

  • Eli nqanaba lisisiphumo sokugqibela sebali njengoko isakhiwo sebali singunobangela nesiphumo.
  • Kweli nqanaba sifumana isisombululo kwiimpixano nezishiqi ebezikade zisehla apha ebalini.
  • Iqhina ebelikade libotshiwe liyawululeka. Kuziwa nesisombululo esiba neziphumo ezikrakra komnye wabalinganiswa abaphambili.
  • Ziye zilunge izinto, zibentle okanye imeko ibe mbi nangakumbi.
  • Amaqhina ayasonjululwa.

Impixano iphelile.

Ukusonjululwa kwezinto-izishiqi ziyakhululwa-ziyawululeka izinto, wonke umntu uvelile, kungqutywana ngeentloko kuthiwa makuthweni.

Injikaphethu: (ukuguquka kwezinto) Yilaa ndawo izenzo ziguqukela ngakumlinganiswa oyintloko/ophambili/okanye zimlahle umlinganiswa oyintloko.

Isiphelo

Apha kweli nqanaba sityhilelwa ngesiphumo sempixano esisenokuvela ngokuthi:

  • Acace poqo owoyisakeleyo.
  • Kulungiswe obekungquzulwana ngako.
  • Umlinganiswa oyintloko azibone into ayiyo.
  • Injongo yokubhalwa kwayo idrama iphuhle mpela.
  • Sisenokuba sisiphelo ebesilindelekile okanye esingalindelekanga.
  • Kungenjalo, umbhali webali usenokwenza ibali liphume apho besingacingelanga khona.

Qaphela Mfundi

Kule drama, isisombululo nesiphelo zenzeka ngaxesha nye kanti kwezinye isisombululo siyazimela nesiphelo ngokunjalo.

Kholam A: Iimpawu – Kholam B: Ubungqina

  • Kukho ukudandatheka komphefumlo kubalinganiswa ngakumbi kwabaphambili.
    • UMamQhinebe noMaGatyeni babuhlungu, ngabahlolokazi abathwaxwa yintlupheko abangaziboni bephumela kuyo. Ingxaki, isango ngalinye abacinga ukuba bangaphumela kulo lifuna isinyobo. Bade bazibone ngathi banamabhadi.
  • Imeko ilusizi ukuqala ekuqaleni kwebali lide liyokuphela.
    • Kwincoko kaMagrazula noDlezinye kuvela intlungu nosizi lokuba uMagrazula kukuba kukho iqumrhu lamaxhwele asebenzisa iintloko zabantu, isigqibo esitsha sesokusebenzisa iintsana. Liqala nje ibali liza nomoya wosizi. Kwasekuqaleni, kuvakala intlungu yabantwana abangafumani msebenzi bakuba befundiswe nzima ngoonina abangabahlolokazi, uSiqhiwu noSiphokazi. Ibali luphela ngentlungu yokubanjwa kwabahlolokazi, uMamQhinebe noMaGatyeni, besiba iintsana. Koko kungcola usizi kukuba kwabona bayasetyenziswa.
  • Umzekelo weziganeko ezenzeka kule drama eziveza isisombululo nesiphelo
    • UMamQhinebe noMaGatyeni bayabanjwa, bebanjelwa umkhuba wokuba iintsana.
    • Umthetho uyeyisa, amatshijolo ayabanjwa.
  • Injongo yokubhalwa kwedrama iyaphuhla:
    • Kukuphuhlisa ukuba intlupheko iyakwazi ukumenza umntu abalixhoba, de enze izinto angazange wacinga ukuba angazenza.
    • Ingalo yomthetho inde.
  • Abalinganiswa bakwimo emandla yoxinzelelo, baphela bephambana, bebulalana okanye bezibulala.
    • Imeko yendla nentlupheko yenza ukuba babekuxinzelelo olumandla ooMamQhinebe de bazinikele kumsebenzi ongcolileyo, athi uMaGatyeni ngomlomo wakhe, ngumgxobhozo omanzi abilayo.
  • Zonke iziganeko ezehlayo zimanyumnyezi kwaye zihambisa umzimba.
    • Umlinganiswa ubanesikhwasilima esiza kubangela ukuwa kwakhe (downfall).
  • Lo ngumdlalo onesiphelo esilusizi, ekuthi kubekho umntu ofayo:
    • Kukho umoya wonxunguphalo.
    • Umfundi okanye umbukeli uxhalabile kuba ufuna ukwazi ukuba kuza kwenzekani emva koku (suspense) lide liphele ibali.

Umsebenzi:

(a) Gqibezela le theyibhile ilandelayo ingeempawu zedrama eyintlekele ngokufakela ubungqina obushiyelelelweyo kuKholam B.


Umsebenzi:

(b) Gqibezela le theyibhile ilandelayo ingeempawu zedrama eyintlekele-siyolisi ngokufakela ubungqina obushiyelelelweyo kuKholam B.

Kholam A: Iimpawu – Kholam B: Ubungqina

  • Yidrama engumxube wedrama ehlekisayo naleyo iyintlekele.
    • Kule drama kubiwa iintsana, uMagrazula uzisebenzisa kwishishini lakhe. Usebenzisa abahlolokazi abahluphekileyo kulo mkhuba. Kwakuyo lukho uyoliso kuba uSiqhiwu noSiphokazi bambambisile uMaqhikizane kwaye bawufumene umsebenzi.
  • Umoya uxubile kuthi kusekwimo ehlekisayo aphinde umbhali afake isiganeko esinxunguphalisayo.
    • Isiphelo siba lusizi.

Impixano

  • Ngundoqo okanye sisihlahla sebali. Yenye yeentsika eziphambili ekwakheni ibali libe nomdla. Ngaphandle kwayo ibali linganomdintsi onganyamezelekiyo.
  • Idalwa kukubethabethana kwezimvo/ kweengcamango zabalinganiswa okanye ukungaboni ngasonye ngomba othile – umlinganiswa ngamnye, kungenjalo iqela elithile labalinganiswa limela uluvo / imbono ethile.
  • Inokubonwa ngamehlo (ugxagxamiswano olubonwayo) okanye iviwe ngeendlebe.
  • Yiyo ekhokhelela kuvuthondaba.
  • Xa iyeyangaphakathi isenokuphathelela engqondweni, emxhelweni, emphefumlweni. Kusenokwenzeka ukuba umlinganiswa unomvandedwa anawo. (Isenokubonakala ngamehlo omxhelo).

Iindidi Zempixano

Impixano Yangaphandle
  • Iphakathi komlinganiswa (ngakumbi oyintloko) kunye neemeko ezimngqongileyo.
  • Iziindidi zempixano yangaphandle ezizezi:
    • Impixano yangaphandle ephakathi komntu nomntu:
      • Abalinganiswa basenokuba babangisana ngento ethile, bayifuna bobabini.
      • Isenokuba abalinganiswa ababini baneenjongo ezahlukileyo ngenxa yoko omnye abengumqobo komnye abenalowo evale impumelelo yalo umbona njengomqobo.
      • Inokubangelwa kukuba omnye efungele ukwenzakalisa omnye, eqhutywa ngumona, yintiyo norhwaphilizo.
      • Inokuqhutywa kukuba omnye wabo ephethwe likratshi, efuna ukuphumelela nganxa zonke.
    • Impixano yangaphandle ephakathi komntu neemeko/ imimiselo yentlalo:
      • Umlinganiswa oyintloko ungquzulana neemeko zentlalo.
      • Umzekelo, urhulumente onorhwaphilizo, iinkqubo enkolo ethile, iingcinga zabantu ngemiba ethile yetlalo, iimeko zoqoqosho, nezinye.
    • Impixano ephakathi komntu nendalo:
      • Umlinganiswa uzamazamana neemeko zendalo. Umzekelo: Izilwanyana, imozulu, intshabalaliso ekhoyo, ze yena abe ezamana neendlela zokusinda/ukuzindisaa abanye abantu.
    • Impixano ephakathi komntu neetekhnoloji:
      • Umlinganiswa ulwa neemiba yetekhnoloji. Mhlawumbi zisetyenziselwa unyoluko norhwaphilizo okanye njengezixhobo ezizisa intshabalaliso eluntwini.
Impixano Yangaphakathi
  • Apha umlinganiswa ulwa nomphefumlo wakhe, akukho konwaba.
  • Kukho ukubethabethana kwezimvo zomlinganiswa.
  • Ngenxa yokujaceka komphefumlo umlinganiswa maxa wambi uthanda ukuba likheswa.
  • Ngenxa yeengcinga ezimongameleyo wumbi ude athethe yedwa ekhupha imbilini ngoko kukrekretha umphefumlo wakhe.

Impixano Yangaphakathi NgokweBalini

Kule drama ithi, “Indlal’ inamanyala”, nantsi eminye yimizekelo yempixano yangaphakathi:

  • UMaGatyeni, ngenxa yendlala ukhe abe namaxesha okungazi ukuba akhethe ulwaphulo mthetho na kunebhatyi yakhe yomanyano. Uyabubona ububi afakwa kubo nguMamQhinebe, ade athi usathana uze ngerenyawo zombini kwakhe, kodwa uxakiwe kuba uyakufuna ukuphuma entluphekweni kwaye akanandlela yakubuyisela uMamQhinebe izinto amboleke zona.
  • UMaGatyeni uxakiwe, woyika ukubanjwa uyayicinga into yokuba ngumsebenzi weenyembezi lo kaMagrazula kwaye yena ungumama webhatyi kodwa aphinde acinge ukuba uyayifuna imali kwaye uza kuthi shuu nguMamQhinebe kuba ugrogriswe ngokuba abuyise zonke izinto zakhe.
  • Kukwalapho nokungazi kuMamQhinebe ukuba akhethe indlala na nokuba ebe iintsana kodwa indlala iqatsele ukumenza athathe izigqibo ezimsa eweni.
  • USiphokazi naye uxakiwe ukuba akhethe ukuvuma uMaqhikizane onemali nozakumzamela umsebenzi okanye amele inyani. Oko kucaphukisa uSiqhiwu atsho akhangele cebo limbi lokubhabhisa uMaqhikizane.
  • UMamQhinebe efikelwa ngumona wokuba angahambi noMaGatyeni xa esenza umsebenzi kaMagrazula, koko woyika uMagrazula kuba ebethe kufuneka babe babini kulo msebenzi.

Impixano Yangaphandle NgokweBalini

Kule drama ithi, “Indlal’ inamanyala”, nantsi eminye yimizekelo yempixano yangaphandle:

  • Ukubulawa kwabantu ngeenjongo zokuthengisa iintloko zabantu kuMagrazula kuchasene nemimiselo yentlalo yoluntu.
  • Ukubiwa kweentsana nako kukwachasene nemimiselo yentlalo yoluntu kwaye lulwaphulo mthetho. Zimeko ezi ezidale unxunguphalo kuluntu. Kuthi kuba wonke umntu ekhuselwe ngumthetho kwakubakho izenzo ezinje uyangenelela umthetho ukhusele abantu. Impixano ke iya kuba phakathi kwabophuli mthetho nomthetho.
  • Ulwaphulo mthetho olumelwe nguMagrazula, Dlezinye, MamQhinebe noMaGatyeni, umthetho umelwe ngamapolisa umzekelo uNtamo. Kwisakhiwana sorhwaphilizo kukho injinga uMaqhikizane owaphula umthetho ngesinyobo ephixana noSiqhiwu, Siphokazi nomthetho omelwe nguSibane.
  • Impixano ke iphakathi kwabantu abaziphilisa ngokwaphula umthetho kunye nomthetho. Kwisakhiwana esinoMaqhikizane uSiqhiwu noSiphokazi bangena ngokwabahlali abalwa ulwaphulo mthetho bebambisa uMaqhikizane ukubonisa ukuba xa abahlali benokubambisana babe nentsebenziswano namapolisa lungaliwa ulwaphulo mthetho ngempumelelo.
  • Sivula nje encwadini kubonakala impixano yangaphandle apho isipolisa siphazamise iphulo likaMagrazula lokuthatha iintloko zabantu. Oku kwenza ukuba uMagrazula atshintshe unyawo atshintshele ekubeni iintsana.
  • Liyakhula ithanda naphakathi kwesi sibini singuMaGatyeni noMamQhinebe kuba xa engavumi uMaGatyeni ukumlandela uMamQhinebe, uMamQhinebe ubhenela ekumgrogriseni ngokufuna zonke izinto awayemnike zona uMaGatyeni. Ngenxa yokungakwazi ukuzibuyisa ezo zinto zikaMamQhinebe akwabikho cebo limbi ngaphandle kokuwela emgibeni.
  • Ngenxa yendlala, uMamQhinebe noMaGatyeni bayagoba, bagobele kumkhwa wokuba nokuxhwila iintsana bazithengisele ixhwele elikhohlakeleyo elinguMagrazula. Oku kubaphixanisa nabahlali kwizihlandlo ngezihlandlo apho beba abantwana bade babe bafikelele ekubanjweni. Baphumelela nje ekubeni usana lokuqala okukhokelele kwingxabano enkulu kwaMakwedini kuba yayingumntwana wabo wokuqala lo ubiweyo emva kokusokola iminyaka elishumi elinesibini bezama.
  • Iinzame zakhe ziquka utyelelo lukaSiqhiwu noSiphokazi oyintombi kaMaGatyeni kwii-ofisi zikaRhulumente beye kufuna umsebenzi. Apho bazibonele ngawabo amehlo urhwaphilizo oluqhutywayo. Bathi bakufika umqeshi kaRhulumente wanyanzelisa efuna ukunyotywa ngemali, wafuna nokuba yona intombi kaMaGatyeni itshate naye ukuze loo nto yenze ukuba bawufumane lula umsebenzi.
  • Oku kunyusa ungquzulwano kuba mhla uSiqhiwu aye kwiiofisi zamapolisa akanikwa thuba de abe uthetha noKheneli Sibane obengaziboni ezi zinto ngalo lonke eli xesha. Ngezabatha azibekelwa nguSiqhiwu umchasi wakhe, uMaqhikizane uyabhajiswa kanye enezandla ezinkone lurhwaphilizo.
  • Ufunyanwa enetyala umqeshi abanjwe.
See also  Uhlalutyo lweDrama

Umsebenzi 1: Fakela amagama ashiyiweyo kule nkcaza ingenzantsi:

a. Ndifunde ukuba impixano idalwa: kukungaboni ngasonye kwezimvo okanye kweengcamango zabalinganiswa.

b. Ngesivakalisi esinye ndingathi impixano yangaphakathi yahluka kweyangaphandle ngokuba yona: ikwezingcinga zombalinganiswa, ingqondo, okanye umphefumlo wakhe.

c. Kule drama ndiyifundayo ndingathi udidi lwempixano yangaphandle yephakathi komntu n: neemeko zentlalo kuba abalinganiswa abangquzulanayo nguMagrazula noNtamo.

d. Impixano kule drama ibangelwe kuku: kwenziwa kwezinto ezingavumelekanga kwimisebenzi yezangoma kunye nobuhlwempu.

e. Ukuba umlinganiswa ongu: Magrazula nonguNtamo bebengabikho kweli bali ngeyingeyingekho impixano kuba: abalinganiswa bebengayi kuba phantsi koxinzelelo lwempilo yabantu abangenatyala okanye umthetho.

f. Impixano iphele ngokuba kusuke kwenzeke: (xela isiganeko esenzekileyo) Magrazula wabanjwa kunye nabantu bakhe abakhangelelana noMamQhinebe noMaGatyeni ngenxa yokwaphula umthetho wokubiwa kweentsana.

Abalinganiswa

Abalinganiswa ngabantu abasetyenziswa okanye babunjwe ngumbhali ukuphuhlisa umxholo abhala ngawo. Idrama ngumdlalo ngabalinganiswa. Ubanika izimo ezithile nezithi maxa wambi zitolikwe nangamagama abanika wona. Izimo zabo zenza babe nokuqhubela umdlalo phambili bedandalazisa imfihlakalo yeengcinga zombhali. Nolwaluphi uhlobo lwebali likhumbuleka ngabalinganiswa balo. Loo nto iyodwa nje ibonisa ubuntsika bomlinganiswa ebalini.

Umlinganiswa oyintloko (lo ungqongwe ziziganeko okanye ungumsunguli wezinto) nguye umakhi. Nguye kaloku owenza izinto zibonwe ngamehlo, ziviwe ngeendlebe ebalini. Nguye oqweqwedisa ibali nomchasi wakhe. (Umchasi ngulowo usoloko esenza okanye ethetha izinto eziphikisana nezomlinganiswa oyintloko). Le nto yenza ukuba ibali libe nobomi. Abalinganiswa bazotywa ngokuthi sazi izinto abazithethayo, abazenzayo nezinto ezithethwa ngabanye ngabo. Umbhali angababumba ngezi ndlela abalinganiswa bakhe:

Iindidi zabalinganiswa:

  • Osicaba vs Ongqukuva
  • Ongaguqukiyo vs Oguqukayo
  • Oyintloko
  • Umchasi
  • Igorha vs Olitshijolo
  • Abanye abalinganiswa

Iimpawu zabalinganiswa:

  • Ubuntu
  • Inkcazo yomzimba
  • Isimilo
  • Ingxoxo
  • Ingcinga
  • Indlela aziphethe ngayo kwabanye
  • Izenzo

Iindlela zokuzotywa kwabalinganiswa:

  • Isimo sovakalelo
  • Uzobo ngqo
  • Uzobo mayana

Iindidi Zabalinaganiswa Ngokweendima Abazidlalayo Encwadini

Umlinganiswa Oyintloko (Protagonist)

  • Ngulo mlinganiswa ungqongwe ziziganeko ukusuka ekuqaleni kwebali lide liye kuphela.
  • Ungumsunguli weziganeko ezehlayo ebalini.
  • Wenziwa akholeleke- umela injongo ethile okanye okulungileyo.
  • Iziganeko zehla ngenxa yakhe/zingqonge yena/ zithandeleke kuye nokuba akakho isiganeko singaye.
  • Ngulo ubangela ukuba ibali liqhubele phambili.
  • Unqwenela into, kubekho imiqobo ebangela ukuba iphumelele luzizi/ ingaphumeleli.
  • Ubanenjongo afuna ukuyifezekisa.
  • Wenza iinzame zokufumana le nto ayifunayo.
  • Uxolele ukujinga iliso kunokuba angayifumani into ayifunayo, kungade kube kho inyhikityha yokufa kwabantu abangenasono ngenxa yakhe.
  • Unento ayixabisileyo ebaluleke kakhulu ebomini bakhe.
  • Uyohlwaywe ngesenzo sakhe.

Umlinganiswa Ongumchasi (Antagonist)

  • Lo ngulo mlinganiswa uchasana nomlinganiswa oyintloko.
  • Unokuchasana naye ngezimvo okanye ngezenzo.
  • Ngumlinganiswa ongumqobo kwiinjongo zoyintloko.
  • Nguye ophazamisekayo kwinyathelo elithatyathwa ngoyintloko.
  • Uhlalele ukusokolisa lo uyintloko/ usoloko echasene/ ephikisana nomlinganiswa oyintloko.
  • Amandla akhe athanda ukulingana nala walo uyintloko, uneempawu ezifanayo nezomlinganiswa oyintloko ukuze avelise okanye akhule/kukhule/kutyhileke oyintloko.
  • Ulenza ibali lisoloko lihambela phambili ngokuba abe ngumqobo endleleni yomlinganiswa oyintloko yokufumana oko akufunayo/akulwelayo.
  • Amaxesha amaninzi abalwi ngazigalo aba balinganiswa babini koko balwa ngeenjongo, ngeentetha nangeminqweno.

Umlinganiswa Onguvalithuba

  • Ngumlinganiswa othi gqi eze kwenza oko kuthile aphinde anyamalale.
  • Udla ngokuba sicaba kuba unophawu oluthile olunye alusebenzisayo umzekelo ukuba unolwimi uba njalo ke. Khawucinge ngendima edlalwa ngaba balinganiswa.

Umlinganiswa Ongummeli-ntlobo

  • Lo mlinganiswa umele uhlobo oluthile, umzekelo ipolisa limele umthetho.

Iindidi Zabalinaganiswa Ngokweendima Ababunjwe Ngayo

Umlinganiswa Osicaba (Flat Character)

  • Ngulo kuvela icala elinye kuphela kwisimo sakhe, nokuba lihle nokuba libi, liya kuba njalo ke kude kuphele ibali. Aba ke abanguwo umzekelo wabantu abaphilayo kuba akakho umntu unecala elinye kungekho mntu uyinto enye ebomini.
    • UMagrazula ngumlinganiswa osicaba isimo sakhe asiguquki nokuba imeko ithini ungcolile kuphela. Ukungcola kwakhe kubonakala ngokuthenga iintloko zabantu ze kwakubanjwa abantu abaqhuba lo msebenzi atshintshele kubiwo lweentsana.
    • UDlezinye ngumlinganiswa osicaba. Kuzo zonke iziganeko ezenzeka encwadini akatshintshi. UMagrazula uvezela uDlezinye ukuba ishishini leentloko alihambi kakuhle ngenxa yamapolisa angumqobo endleleni yabo. Umxelela ukuba abantu abamthengisela iintloko babanjiwe ngoko kufuneka kutshintshwe kushishinwe ngeentsana. Nangelo xesha evayo ukuba amapolisa aphezu kwabo, akatshintshi uDlezinye ndaweni yoko uxhasa into yokuba makushishinwe ngeentsana. Akawuyeki lo msebenzi kaMagrazula nangona ezibona ukuba ubomi bakhe busesichengeni sokubanjwa ngamapolisa. Uya kuMalunyawana eyokuzitshintsha azenze ixhego lomfundisi kuba uzondelele ukuba abe sisicaka esithembekileyo sikaMagrazula. Wenza nantoni na enokukholisa uMagrazula kungakhathaliseki nokuba lo nto imvisa kabuhlungu kangakanani omnye umntu.
    • Iphela incwadi sisazi icala elinye ngoMagrazula kunye noDlezinye isicaka sakhe.

Umlinganiswa Ongqukuva (Round Character)

  • Ngulo kuvela amacala amabini kwisimo sakhe, icala elihle kunye nelibi.
  • Sifunda lukhulu ngalo mlinganiswa kuba ungumzekelo womntu ophilayo (umntu-gqibi). Kaloku wonke umntu uba nazo iimpazamo azenzayo ebomini.
    • USiphokazi ngumlinganiswa ongqukuva kuba liyavela icala lakhe lokungabinamqolo wokumela ubulungisa xa ade amkele imali ayiphiwa nguMaqhikizana. Avume naxa emthembisa ngokumfaka emsebenzini. Ubuya aguquke akunwqanqwadwa nguSiqhiwu, ajike abubone ncakasana ububi aphantse wazifaka kubo, azisole ancedisane nomthetho.

Ukuzotywa Kwabalinganiswa

Umbhali kulo mba uza kwenza nje umqhoqhozwana omfutshane, ethabatha usingaye ngokwakhe. Iingcali zoncwadi ziyasixelela ukuba:

  • Umbhali usenokubatyhila ngqo ngokwakhe abalinganiswa bakhe.
  • Umlinganiswa usengazibonakalisa into ayiyo ngezimbo nangentetho yakhe.
  • Isimilo somlinganiswa sisenokuphuhliswa nangabanye abalinganiswa.

Iindlela Zokuzotywa Kwabalinganiswa

Indlela Engqalileyo (Uzobo Ngqo)

  • Kuxa isimo/ubunjani bomlinganiswa buxelwa ngokuphandle kusetyenziswa amagama angafihlakalanga:
    • Apha sixelelwa phandle ukuba umlinganiswa uluhlobo luni na.
    • kubalinganiswa bakhe: “Yinyaniso leyo Dlezinye, sicaka sam esithembekileyo.” (Kutsho uMagrazula)
    • Kusenganikwa iinkcukacha zomlinganiswa umzekelo; igama lakhe, inkcazelo ngobude bomzimba/ isinxibo sakhe/ ubudala bakhe: “Kusendlwini kaMagrazula, inkintsel yexhwele.”

Indlela Engangqalanga (Uzobo Mayana)

  • Kuxa isimo/ubunjani bomlinganiswa buxelwa ngokufihlakeleyo (kusetyenziswa amagama anentsingiselo efihlakaleyo) ze kufuneka ukuba wena mfundi wencwadi ucinge ngakwuthethwayo/ngentsingiselo yawo:
    • Njengoko igama lizichaza, le yindlela engangqalanga ayisebenzisayo umbalisi abenza baziveze ngayo abalinganiswa.
    • Thina ke bafundi bebali sisebenzisa iingqondo zethu ukuhlumisa oku kudluliswa ngumbhali ngeendlela ezimayana.
    • Njengokubaxoxisa/ ukubenza bangene kwiingxoxo ngomba othile.
    • Unako ukusikrobisa kwiingcingane zabo okanye iimvakalelo zabo: “Kowu kazi isingisa phi le ndlela andiqweqwedisela kuyo lo mfazi…Uze undikhumbuke bawo xa ndiza kugamba indlela endingazanfga ndayiphupha nokuyiphuph’ ebomini bam…” (UMaGatyeni)
    • Unako ukusikrobisa kwizinto ezithethwa ngabanye ngaye/ okanye indlela izenzo zakhe ezibonwa ngayo ngabanye: “Ngumkhuba mdala lowo wokuba abe ngabona ntombi intle ayithembise ngomtshato.” (USiqhiwu uxela uMaqhikizana)
    • Ubenza bazipele/bazibonakalise ngokwabo izimo zabo ngezenzo, ngeentetho: “Loo nto ke indinika ukuphumla komphefumlo, kuba ke ekubanjweni kwabo andingeni ndawo konke konke. Andithi na ndiyabahlawula ngentloko nganye abayizisa kum?” (UMagrazula)
    • Ngamagama abathiya wona- njalo njalo.

Ingxoxo, Intshukumo Nezalathiso Zeqonga

Ingxoxo

Ingxoxo yintetho ethi ibekho phakathi kwabantu ababini nangaphezulu. Abo bantu ke baxoxa ngeenyewe ezibaphazamisayo ebomini babo. Loo nto yenza ukuba sikwazi ukumfunda umlinganiswa ukuba ungumntu onjani. Umntu umfunda ngcono ngamazwi aphuma emlonyeni wakhe, ukanti nabanye xa bethetha ngomnye umlinganiswa. Kuloo ncoko buyadula ubunjani baloo mlinganiswa nokuthethwa ngaye.

  • Ingxoxo yomntu omnye: Umlinganiswa uyakwazi ukuma eqongeni azithethele eyedwa, omnye abonakaliswe ethandaza. Siyibona kakhulu kweli bali kumlinganiswa onguMamQhinebe xa efungela uMaGatyeni kuba engavumi ukungena kumsebenzi wokubiwa kweentsana. Umlinganiswa uyazithethela yedwa ecaleni eveza oko akucingayo. (soliloquy) pg 89. Yintetho ende. Athethe yedwa ejolise ebantwini (monologue) UDlezinye ethandaza pg 72, 78.
  • Ingxoxo yabantu ababini nangaphezulu: Apha kulapho kuxoxa abantu ngabantu bemana ukunikezana amathuba. Isenokuba yincoko okanye luxambuliswano.
  • Bucala (An aside): Umlinganiswa uyakwazi ukuthi ngoku enabanye eqongeni athethe yedwa ukuze angaviwa ngabanye. Kumaxa amaninzi sukube evakalisa imvakalelo yakhe okanye ephumisela iingcinga zakhe ngaphandle.
See also  Uhlalutyo lweDrama
Mayibe Njani Ingxoxo?
  • Mayibe yeyokwenyani njengeentetho zabantu bemihla ngemihla.
  • Mayiveze isimo sentlalo esiza kukhokelela ekukhuleni kwebali.
  • Mayiveze isimo sabalinganiswa.
  • Isantya esisetyenziswayo kwingxoxo masifanele abalinganiswa, sicothe kwabadala, sikhawuleze kulutsha.
  • Mayizobe imeko ecace gca nefanela uhlobo lwedrama olo, umz: elusizi -trajedi, eyonwabileyo-Ikhomedi.
  • Ingxoxo mayinxulumane nesakhiwo sebali.
  • Mayikwazi ukuveza ithoni nemo yombhali esebenzisa abalinganiswa.
  • Ingxoxo mayiveze umxholo webali.
Ingxoxo Yentlekele

Idala ukhwankqiso inobunzithinzithi, abalinganiswa basebenzisa amagama achukumisayo, adlwengul’ umxhelo.

Ingxoxo Yesiyolisi

Ikhaphukhaphu kuyaqhulwana, kuyahlekisa, konwatyiwe.


Intshukumo

Umdlalo ngumdlalo ngentshukumo. Intshukumo asikokuhambisa amalungu omzimba ngokusuka kwenye indawo uye kwenye. Umntu uyakwazi ukuyenza intshukumo ngokucimela, ukunikina intloko, ukuphakamisa isandla njalo-njalo. Intshukumo kukujikajika ulusu xa umntu ebonisa ukucinga, ukothuka, ukucaphuka, ukuvuya. Intetho yabo mayifane nabo, ibe krwada kokrwada, ilulame kolulamileyo njalonjalo.

Iindidi Zentshukumo:
  • Intshukumo ebonakalayo: Xa kusenziwa umdlalo siwubukele umz: ecimela/ enikina intloko.
  • Intshukumo echazwayo: Xa sifunda incwadi kwizalathisi zeqonga umz: ethwala izandla entloko.
  • Intshukumo evakalayo: Kunomathotholo umz: siva isandi sokukhala.
Umsebenzi Wentshukumo:
  • Ityhila isimo somlinganiswa, iveza ubunjani bakhe, ityhila izenzo zomlinganiswa, impixano yangaphandle/ngaphakathi.

Izalathisi Zeqonga

Ngamagama abhalwe ngefonti ekekeleyo kwizibiyeli. Yonke imiboniso iqala ngezalathisi zeqonga. Izalathisi zeqonga ezalatha omakwenziwe ngabalinganiswa ngamazwi, ngeentetha, ukushukuma komzimba ukuphuhlisa imvakalelo ethile, konke oko kudala intshukumo yebali.

Umsebenzi Wazo:
  • Kukuveza imbonakalo nemo yemvakalelo yabalinganiswa, okuza kwenzeka kweso sahluko.
  • Iveza isimo sentlalo.
  • Kukuchaza iziganeko okanye iintshukumo ezingenakuvela eqongeni.
  • Kukunika ababukeli ulwazi ngokuqhubekayo nokuza kuqhubeka kulo mboniso (update).
  • Izalathisi zeqonga zinika umyalelo weqonga.
  • Zichaza intshukumo yabalinganiswa xa kukho into evelayo emalunga neemeko abakuzo abalinganiswa.
  • Indawo eliqhubeka kuyo ibali.
  • Zinika ixesha, ixesha leveki/lemini/nemini/umhla wokuqhubeka kwesiganeko.
  • Iinkcukacha malunga nabalinganiswa abathabatha inxaxheba kulo mboniso.
  • Zinika umkhombandlela wento eza kwenzeka.
  • Ichaza isiganeko okanye intshukumo.

Umxholo

Umxholo wale drama ithi “Indlal’ Inamanyala” uthi – indlala ingakutshintsha isimo sakho ikwenze uzenze izinto ongazange wazicinga ukuba ungaze uzenze ebomini bakho. Okanye “Indlala ibangela ukuba umntu enze izimanga.”

  • Lo nguwona mcamango ungumongo/uphambili wenze umbhali wathatha usiba lwakhe waba uyabhala.
  • Yingcinga engundoqo edibanisa yonke into ethethwayo.
  • Yile nto kuthethwa ngayo/isihlahla sebali, ifana negwele.
  • Kwaphaya ekuqaleni kwebali ngumxholo othi iqingqe ingxaki ekhoyo nokwandlalwa kwayo.
  • Le ngcinga ilithungela ilityhutyhe lonke ibali ukusuka kwingabula zigcawu ukuya kwisiphumo.
  • Umxholo uphuhliswa ngabalinganiswa ngendlela ababunjwe ngayo/ngokokusetyenziswa kwabo.
  • Umxholo ukhatshwa yimpixano ukuze ibali liqhubeke utsala nomdla.
Xa Ufuna Umxholo Uzibuza Le Mibuzo Ilandelayo:
  • Eli bali lityhila ntoni ngobomi jikelele?
  • Sibaluleke ngantoni isihloko salo?
  • Ingaba umlinganiswa oyintloko/ophambili uyatshintsha apha ebalini okanye unesifundo asifundileyo?
  • Mbono zini ezimkhuthazayo/ezimtyhafisayo umlinganiswa oyintloko?
  • Sibe yintoni isiphumo seengcinga neendlela ahlangabezene ngayo neemeko ezimkhathazayo/ezimiqobo?
  • Zibe yintoni iziphumo zezenzo zakhe kubomi bakhe?
  • Ubefuna ukusixelela ntoni ke umbhali ngencwadi yakhe?

Umbhali angawuphuhlisa ngeentetho, izenzo, izinxibo neenkolo zabalinganiswa. Umxholo ukhatshwa yimpixano ukuze ibali liqhubeke ukutsala umdla.

  • UMamQhinebe uvuma ukuqhathwa nguDlezinye ngokuthi enze umsebenzi wokuba iintsana nangona ewuqonda ukuba uza kumfaka engxakini. Oku ukwenza ngenxa yendlala.
  • UMamQhinebe urhwebesha uMaGatyeni ukuba bawenze kunye lo msebenzi wokuba iintsana. Ngenxa yentsokolo, uyavuma uMaGatyeni kwaye uyaziqonda iziphumo zako konke oku ukuba baza kuphelela ejele.
Iziphumo Zokutshintsha Kwezimo Zabantu Ngenxa Yendlala:
  • UMamQhinebe noMaGatyeni baserenkini basa usana abalubileyo kuMagrazula, badibana noSajini uNtamo babanjwe.
  • Yimisontwana ethi incedisane nengcamango ephambili yombhali (umxholo ongundoqo).
  • Inomsebenzi obalulekileyo kuyo nayiphi idrama.
  • Ixhasa/ikhulisa umxholo.
  • Ixhasa umyalezo wombhali.
  • Ayilithathi lonke ibali njengoko umxholo usenza njalo.

Ukunyoluka/ Ukunyoba

  • UMaqhikizane osebenza kwii-ofisi zasebuRhulumenteni eMthatha, akoneli yimali ayamkelayo kumsebenzi awuqeshelweyo. Uthi ngenxa yokunyolukela imali afune ukunyotywa ngabantu abasokolayo abaphuma esikolweni phambi kokuba abanike umsebenzi. USiqhiwu ufumanisa ukuba uThembinkosi ophume emva kwabo esikolweni sele ewufumene umsebenzi, nangona kukudala bona bewufuna bangawufumani. Uya kwii-ofisi zaseburhulumenteni afike kukho umnumzana uMaqhikizane. Ekuxoxeni kwabo bengavani utgqibela ngelithi umnumzana uMaqhikizane uSiqhiwu makakhawulezise azise kuye ikhazi kwaye lingabi ngaphantsi kwekhulu leerandi.
  • USiphokazi ophume nooSiqhiwu esikolweni naye akakafumani msebenzi. Ufika kumnumzana uMaqhikizane angavumi ukuba makambize ngokuthi ngu’tata’ koko afune ukuba makathi ‘Daddy’ xa embiza. Umncoma ubuhle nomfaneleko ade abe namagama athi ‘Sphoshazana’. Umthembisa ngokumenza inkosikazi yakhe. Ufuna ukunyotywa nguSiqhiwu, afune ukuthandana noSiphokazi. Apha kuyabonakala ukuba yinto aqhelileyo ukuyenza umnumzana uMaqhikizane kubantu abafuna umsebenzi kwezi ofisi aphangela kuzo.

Umxholwana

Imizekelo yemixholwana efumaneka kule drama:

  • Ukunyaniseka
    • USiqhiwu uncokola nonina malunga nokungafumani kwakhe msebenzi ekubeni kukudala egqibile esikolweni. Unina uveza uluvo lokuba kungathi kanti kufuneka anyobe ukuze afumane umsebenzi. USiqhiwu uyayimela into yokuba yena akasoze athi akugqiba ukufunda nzima esokola aphinde anyobe xa kufuneka efumene umsebenzi. Ufika kwii-ofisi zikamnumzana uMaqhikizane ezokuqonda ukuba kwenzeka njani ukuba uThembinkosi osandula ukuphuma esikolweni abe sele efumana umsebenzii babe bona kukudala bagqiba ukufunda kodwa abafumani msebenzi. Umnumzana uMaqhikizane ufuna ukunyotywa ngekhulu leerandi nguSiqhiwu. USiqhiwu ukhaba ngawo omane engavumi ukunyobela umsebenzi esakugqiba ukufunda nzima kangaka. Oku kubonakalisa ukunyaniseka kukaSiqhiwu ngokuthi axolele ukuthabatha amanye amanyathelo kunokuba anyobe. USiqhiwu uyimele inyaniso kwade kwasekugqibeleni engazange wanyoba mntu.
  • Ingalo Yomthetho Inde
    • UMagrazula usebenzisa abantu ukuba beze neentloko zabantu ukuze enze ngazo amayeza. Ishishini lakhe leentloko alihambi kakuhle. UMagrazula ukhalazela ukuba amapolisa ezizinxada-nxada ezama ukuvala lo mthombo wakhe wezi ntloko. Abantu abamsebenzelayo bayabanjwa. Nangona bebanjiwe nje uMagrazula uvuyela ukuba bengamchazi emapoliseni nangona besetyenziswa nguye.
    • Amapolisa aphume iphulo kukhangelwa abantu abeba iintsana. USajini Ntamo udibana noMamQhinebe noMaGatyeni erenkini. UMamQhinebe ubeleke usana alubileyo lukaMakwedini noNoziphongo. USajini utsalwa sisikhalo solu sana lubelekiweyo. Uhamba nabo ukuya etshajofisi, bayabanjwa.
  • Ukunganyaniseki
    • UDlezinye osisicaka sikaMagrazula uya kwaMalunyawana ukuze amtshintshe inkangeleko yakhe amenze ixhego. Oku ukwenzela ukuba aze afumane umntu osokolayo asebenzise intsokolo yakhe ukumrhwebeshela kumsebenzi kaMagrazula wokuba iintsana. Uthi akubona umzi kaMamQhinebe aqonde ukuba kuyalanjwa kweli khaya. Ufika amxokise azenze umfundisi ukuze uMamQhinebe akholelwe kuye ngoba abefundisi ngabantu abathembekileyo. Uzenza ixhego ngenjongo yokuba aze akholelwe msinyane uMamQhinebe. Umthembisa ngokuba uza kuba sisinhanha esingawothiyo umlilo kanti ngalo lonke elo xesha umkhokelela entolongweni. UMamQhinebe uthi akubona umfundisi, ixhego nokwenza, aqiniseke ukuba ngenene uza kuba sisityebi.

Umongo

  • Umongo yingqokelela yazo zonke iziganeko athetha ngazo umbhali.
  • Ingqokelela emfutshane yamanqaku abalulekileyo ahlalutywayo/axoxwayo ebalini.
  • Iqala phaya kwimpixano okanye kwingxaki le ibekiweyo, ihambe iye kuphuma kwisisombululo sezo ngxaki.
  • Amaxesha maninzi abantu bayibiza ngokuba libali.
  • Izenzo ebalini zixhomekeke kubalinganiswa.
  • Iinkcukacha zomongo zidibene.

Umyalezo

  • Kubalulekile ukuba kuthi tha ukuba umbhali uthi masithini ngoku akubhalileyo.
  • Mamela ukuba uthunywa ntoni.
  • Impendulo mayibe sisivakalisi esipheleleyo.

Ufikelela Njani Kummyalezo?

  • Thatha umlinganiswa ophambili, umchasi okanye umlinganiswa oyintloko.
  • Mpazamo zini azenzileyo? Zalungiswa ziziphi izenzo?
  • Yamkelekile impendulo yalo mbuzo eqala ngolu hlobo; “Umbhali uthi musa uku…. uba ngokwenza oko unga…..” Omnye angathi umyalezo uthi, “Kulumkele uku…. kuba ungangena kwingxaki ethile.

Kungakho Imfuneko Yokuxhasa Le Mpendulo Uyinikileyo

Xa kufunwa uzixhase yayama kwizenzo zalowo ubemele oko ukufundileyo.

Qaphela: kukho ukumelana kwimfundiso nomyalezo kodwa asinto inye.

Umzekelo: Indlala mayingakwenzi uthathe izigqibo eziza kukufaka engxakini. Masikulumkele ukwenza izinto ezizakubangela sizisole emva kwexesha.



Looking for something specific?


Did You See These?

Leave a comment