Yintoni inoveli? – Iindidi Zeenoveli ngesixhosa
Yintoni inoveli?
Inoveli ibali eligqibeleleyo, esithi okukhona sifunda sisiya phambili kube kukhona sifumana izinto ezintsha ezitsala ingqondo zethu. Eli bali liqhutyelwa phambili ngabalinganiswa. Aba balinganiswa benza ibali libe nomdla ngakumbi kuba ngabantu abangafaniyo ngezimo zabo.
Zeziphi iindidi zenoveli
Iindidi Zeenoveli
Inoveli ziziindidi ngeendidi ezizezi:
Ezingothando
- Zibonakala ngokuba kubekho umntu onothando olungazenzisiyo ngakomnye umntu.
- Omnye akaqiniseki ukuba uthandwa ngohlobo athandwa ngalo angalubuyisi uthando olo.
- Iba lolo kruthakruthwano omnye efuna olwakhe uthando.
- Imiqobo iyasuswa uthando luphindele kumninilo.
Ezingesishiqi Sentlalo
- Umzali okanye umntu ohloniphekileyo entlalweni wenza izinto ngondlela ndala ongasamkelekanga okanye ngendlela engamkelekanga.
- Abanye okanye omnye akaneliseki yindlela ezenzeka ngayo izinto.
- Kubakho impixano phakathi kwesi sibini okanye amaqela amabini.
- Omnye kufuneka ade azibone ukuba ayikho le ndlela acinga ngayo alungise ke.
Ezingophando
- Kukho isenzo sobugewu ekufuneka sisonjululwe.
- Imigewu isenokuba yiyo yodwa kweli bali ibe ngulowo efuna ukuveza omnye.
- Ezixhaphakileyo amapolisa /abacuphi basukuzana nemigewu.
Enye Inkcazelo Ngenoveli
- Luncwadi olubhalwe ngumbhali gabalala ebalisa, ecingela ubude obuchazwayo, ikakhulu liba neploti engaqondakaliyo yesenzeko, intetho kunye neengcinga zabalinganiswa zibakumgangatho obonakalisa izinto njengoko zinjalo.
- Isebenzisana neengcinga zoluntu olunamava ikakhulu inxulumana kakuhle neziganeko ezixuba iqela labantu.
- Kukho unxunguphalo, amaxhoba nomkhondo oman’ukwakhelana ngokuya likhula ibali.
- Umphandi/umlinganiswa oyintloko iba ngumcuphi okanye ipolisa okanye nabani na ovele umdla ngezizathu zakhe kulo mba.
- Kusetyenzwa ngale micu yomkhondo bade bavele abenzi bobubi kodwa konke oku kumenza lowo ucuphayo abe semngciphekweni.
- Lusenokubakho uthando olufafaziweyo ukuze ibali lingadiki, kungenjalo abo bebekunye ekuphandeni baphele sele bethandana.
Ezingolwaphulo Mthetho
- Kubakho umlinganiswa ozenzo zibi, owenze isenzo esihlasimlisa umzimba, ingakukubulala okanye nayiphi na.
- Kukho umlinganiswa ozenzo zihle osebenzisa umthetho ukohlwaya ozenzo zibi.
- Akukho bunzulu bunikwayo ngesenzo eso simasikizi.
- Senzeka kwintlalo yabantu basesikolweni.
- Isenzo sokubulala sisonjululwa lipolisa elinobuntu.